1 Samuel 26:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Saule wati ku‐Davide: Mautanyusanqelwe wena, nyana wam Davide! uya kukwenza kakulu ke, uya kumana ukweyisa kanjalo. Waza u‐Davide wahamba ngendlela yake, no‐Saule wabuyela endaweni yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSawule kuDavide, Usikelelwe, nyana wam Davide; uya kwenza weyise; kananjalo uya kufeza kufezeke. Wahamba ke uDavide indlela yakhe; uSawule wabuyela endaweni yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSawule kuDavide, Usikelelwe, nyana wam, Davide; ngokuba wenze izinto ezinkulu, woyise. Wahamba ke uDavide, waza uSawule wabuyela endlwini yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USawule wathi kuDavide: “Wanga ungathamsanqeleka, nyana wam Davide. Uya kuya usomelela ngokomelela, ude ube ngotshatsheleyo.” Emva koko ke uDavide wahamba indlela yakhe, yena uSawule wagoduka.