1 Samuel 26:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wesuka ke u‐Davide, weza kulondawo apo u‐Saule abete waca kona: waza u‐Davide wabona indawo apo u‐Saule ebelele kona, no‐Abenere unyana ka‐Nere, inkosi yomkosi wake: kekaloku u‐Saule ebelele pakati kwodonga lwenqwelo, bati abantu bati waca ngokumngqonga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka uDavide, waya kuloo ndawo ebemise kuyo uSawule.Wayibona uDavide indawo alele kuyo uSawule, noAbhinere unyana kaNere, umthetheli womkhosi wakhe; uSawule elele ngaphakathi kothango lweenqwelo zokulwa, abantu bemise iintente ngeenxa zonke kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wemka uDavide, waya kuloo ndawo ebemise kuyo uSawule; Wayibona uDavide indawo alele kuyo uSawule, noAbhinere unyana kaNere, umthetheli womkhosi; uSawule wayelele emhadini, yaye abantu bamise iintente kufutshane naye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide usuke kwangoko wayijongisisa loo ndawo wayemise kuyo uSawule. Wayibona indawo apho uSawule noAbhinere, unyana kaNere, umphathi-mkhosi kaSawule, babelalisa kuyo. USawule wayelala phakathi ekampini, engqongwe ngumkhosi wakhe.