1 Samuel 26:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wateta u‐Davide, wati ku‐Ahimeleki um‐Hete, naku‐Abishai unyana ka‐Tseruya, umninawe ka‐Jowabi, esiti: Ngubanina oya kuhla nam ukuya ku‐Saule emnqubeni? Waza u‐Abishai wati: Mna ndiya kuhla nawe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula uDavide, wathi kuAhimeleki umHeti, nakuAbhishayi, unyana kaTseruya, umzalwana kaYowabhi, Ngubani na oya kuhla nam aye kuSawule empini? Wathi uAbhishayi, Mna ndohla nawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uDavide, wathi kuAhimeleki umHeti, nakuAbhishayi, unyana kaTseruya, umntakwabo-Yowabhi, Ngubani na oya kuhla nam aye kuSawule emkhosini? Wathi uAbhishayi, Ndiya kuhla nawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko uDavide ubhekise kuAhimeleki umHeti, nakuAbhishayi umntakwabo-Jowabi (onina yayinguZeruya) wenjenje: “Ngubani phakathi kwenu ofuna ukuya nam kulaa kampu kaSawule?” “Ndim oza kuhamba nawe,” uvakele esitsho uAbhishayi.