1 Samuel 26:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo u‐Davide no‐Abishai beza ebantwini ebusuku; kekaloku nanku u‐Saule elele ubutongo pakati kwodonga lwenqwelo, nentshuntshe yake igxunyekiwe emhlabeni ngasentlokweni yake; kodwa u‐Abenere nabantu bebelele ngokumngqonga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya uDavide noAbhishayi ebantwini ebusuku. Nanko uSawule elele ubuthongo ngaphakathi kothango lweenqwelo zokulwa, igxunyekiwe intshuntshe yakhe emhlabeni ngasentlokweni yakhe;ke uAbhinere nabantu bakhe belele ngeenxa zonke kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafika uDavide noAbhishayi ebantwini ebusuku. Nanko uSawule elele emhadini, igxunyekiwe intshuntshe yakhe emhlabeni ngasemhadini, uAbhinere namadoda elele, bemlalele ngaphakathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngobusuku bangaloo mini ke uDavide kunye noAbhishayi baya kungena ekampini kaSawule, elele ubuthongo phakathi ekampini, umkhonto wakhe ugxunyekwe phantsi ngasentloko. Amajoni noAbhinere babelele obentlombe bemngqongile.