1 Samuel 27:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WADA u‐Davide wati entliziyweni yake: Kaloku ndiya kububa omnye umhla ngesandla sika‐Saule; akuko nto endilungeleyo, kupela ndinxame ndisindele elizweni lama‐Filistiya, ati u‐Saule ancame ngam, ayeke ukundifuna kanjako kuyo yonke imida yakwa‐Sirayeli; kwa njalo ndiya kusinda esandleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wathi entliziyweni yakhe, Kaloku ndoza ndibulawe ngenye imini sisandla sikaSawule; akukho nto indilungeleyo; ke mandizisindise, ndizisindisele ezweni lamaFilisti, andincame uSawule, angabi sandifuna emideni yonke yamaSirayeli, ndisinde ke esandleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide entliziyweni yakhe, Ndiya kubulawa ngamhla sisandla sikaSawule; uSawule uya kundifuna ezindaweni zonke zakwaSirayeli; ndiya kusinda ke esandleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko uDavide wacinga wathi: “Uya kuze andithi hlasi andibulale uSawule lo ngenye imini. Icebo linye ke: kukusabela kwelamaFilistiya. Wondincama ke uSawule, ayeke ukundifuna kwaSirayeli, ndibe ke ndiyaphuncuka esandleni sakhe.”