1 Samuel 27:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Davide engalondolozanga ebomini nendoda nomfazi, ukubazisa e‐Gate, esiti: Hleze baxele ngati ukuti: Wenje njalo u‐Davide. Laye linjalo isiko lake yonke imihla abehlala elizweni lama‐Filistiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide akasindisanga ndoda namfazi, ungamsayo eGati, ngokuthi, Hleze basixele, bathi, Wenjenje uDavide. Lalinjalo ke isiko lakhe yonke imihla abehleli ezweni lamaFilisti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide akazisa ndoda namfazi ehleli eGati, esithi, Ngoko abasixeleli ukuthi, Wenze loo nto nguDavide; ezweni lamaFilisti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayedla ngokubulala wonke umntu uDavide, indoda nomfazi, kuba wayesithi: “Bangasintama, bathi: ‘UDavide wênza oku noku.’ ” Wenjenjalo ke uDavide ngalo lonke elo xesha aseFilistiya.