1 Samuel 27:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Akishe wakolwa ngu‐Davide, esiti: Ugqibele ukuzinukisa pakati kwabantu bake, pakati kwo‐Sirayeli; ngako woba sisicaka sam ngamaxa onke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAkishe wakholwa nguDavide, wathi, Ugqibile ukuzinukisa ebantwini bakowabo kwaSirayeli; woba ngumkhonzi wam ke ngonaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAkishe wakholwa nguDavide, wathi, Ubenze bangamasikizi abantu bakhe amaSirayeli; ke ngoko, uya kuhlala esisicaka sam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAkishe wayemthembile uDavide kangangokude avakale esithi: “Selenuka kangaka nje kumawabo amaSirayeli, uza kuhlala apha, abuse kum bonke ubomi bakhe.”