1 Samuel 27:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Davide ku‐Akishe: Ukuba ke ndifumene ufefe emehlweni ako, makunikwe kum indawo kwesinye sezixeko zangapandle, ukuba ndihlale kona; ngokuba kunganina ukuba isicaka sako sihlale esixekweni sobukumkani ndawonye nawe?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuAkishe, Ukuba ke ngoku undibabale, ndinike indawo komnye umzi wasezweni, ndihlale khona; yini na ukuba umkhonzi wakho ahlale ndawonye nawe emzini wakomkhulu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuAgishe, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, mandinikwe indawo ngomnye umzi osemaphandleni, ndihlale khona; Yini na ukuba umkhonzi wakho ahlale nawe emzini wakomkhulu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uDavide kuAkishe: “Ukuba uyakholwa ndim, ndinike idolophana kwezisemaphandleni, ndihlale kuyo. Akukho nto ithi mandihlale apha komkhulu kunye nawe, mhlekazi.”