1 Samuel 28:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute ngalomihla, ukuba ama‐Filistiya ahlanganisa imikosi yawo ukwenza imfazwe, kuze kuliwe ngakubo o‐Sirayeli. Wandula u‐Akishe wati ku‐Davide: Yazi ngenyaniso ukuba uya kupuma nomkosi kunye nam, wena namadoda ako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngaloo mihla, amaFilisti ayihlanganisa yonke imikhosi yawo, ukuze aphume umkhosi aye kulwa namaSirayeli.Wathi uAkishe kuDavide, Yazi ngokuqinisekileyo ukuba uya kuphuma nomkhosi wam, wena namadoda akho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha amaFilisti ahlanganisana ndawonye ukuba alwe noonyana bakaSirayeli. Wathi uAgise kuDavide, Yazi ukuba uya kuya nam emfazweni, wena namadoda akho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mihla amaFilistiya ayeqokelele amabutho, eza kulwa namaSirayeli. Ukumkani uAkishe wabhekisa kuDavide wenjenje: “Uzuqonde mhlophe ukuba wena namadoda akho niza kulwela mna kule mfazwe!”