1 Samuel 28:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kuye: Isimilo sake sinjanina? Wati yena: Yindoda elixego enyukayo, eyambete ingubo ende. Wandula u‐Saule wazi ukuba nguye u‐Samyali, watoba ngobuso ngasemhlabeni, waziqubuda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuye, Unjani na ukumila kwawo? Yathi inkazana, Kunyuke indoda enkulu, ithe wambu ingubo yokwaleka. Wazi ke uSawule ukuba nguSamuweli lowo. Wathoba ngobuso emhlabeni, waqubuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuye, Ungowabani na? Wathi, Kuzalwe indoda enkulu; kwaye uzigqume ngengubo. Waqonda uSawule ukuba nguSamuweli lowo, waqubuda kuye, waqubuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Injani inkangeleko yaso?” nguSawule lowo ubuzayo. “Ndibona kusiza ixhego, lambethe umnweba,” kutsho umfazi. USawule waqonda ukuba yayinguSamweli. Watsho waqubuda ngobuso emhlabeni ekhahlela.