1 Samuel 28:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Samyali wati ku‐Saule: Yinina ukuba undixalisile ngokundinyusa? Wayesiti u‐Saule: Ndixinezekile kakulu; ngokokuba ama‐Filistiya esilwa ngakum, nokuba utixo wemkile kum, engasandipenduli nangabaprofite nangamapupa; ngako ndibizile wena, ukuba undazise oko endiya kukwenza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSamuweli kuSawule, Yini na ukuba undigungqise, undinyuse? Wathi uSawule, Ndibandezelekile kakhulu; amaFilisti alwa nam, uThixo umkile kum, akasandiphenduli nangabaprofeti nangamaphupha; ndikubizele ukuba undazise into endingayenzayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSamuweli kuSawule, Yini na ukuba undikhathaze ngokundivusa? Wathi uSawule, Ndibandezelekile kakhulu; ngokuba amaFilisti esilwa nam, uThixo undishiyile, anisayi kuba sandiphendula ngabaprofeti namaphupha; ke ngoko, ndikubizile, ukuze ube nokundazisa emandikwenze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wenjenje ukubhekisa kukumkani uSawule uSamweli: “Kungani na undiphazamisa nje undivusa?” Uphendule wenjenje uSawule: “Ndisengxakini enkulu! AmaFilistiya ayandihlasela, yaye noThixo undishiyile. Akasathethi nam ngomshumayeli nangamaphupha. Ndikubizele ukuba undixelele into emandiyenze.”