1 Samuel 28:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako uyehova uya kunikela ama‐Sirayeli kunye nawe esandleni sama‐Filistiya: nangomso wena nonyana bako noba nam; nomkosi wama‐Sirayeli uyehova wowunikela esandleni sama‐Filistiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uwanikele uYehova namaSirayeli kunye nawe esandleni samaFilisti. Ngomso wena noonyana bakho niya kuba nam; nomkhosi wamaSirayeli uYehova uya kuwunikela esandleni samaFilisti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, uYehova uya kumnikela uSirayeli kunye nawe esandleni samaFilisti; ngomso wena noonyana bakho nibe nam; uYehova uya kuyinikela imikhosi yakwaSirayeli esandleni samaFilisti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uza kukunikela esandleni samaFilistiya wena kunye namaSirayeli ephela. Ngomso oku wena kunye noonyana bakho sobe sikunye, yaye uNdikhoyo loo mkhosi wamaSirayeli uza kuwunikela esandleni samaFilistiya.”