1 Samuel 28:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wati ku‐Akishe: Ngokunjalo uya kukwazi oko isicaka sako siya kukwenza. Wayesiti u‐Akishe ku‐Davide: Ngako oko ndiya kukumisa ube ngumgcini wentloko yam imihla yonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuAkishe, Kaloku uya kuyazi into eya kwenziwa ngumkhonzi wakho. Wathi uAkishe kuDavide, Ngoko ke ndokumisa ube ngumgcini wentloko yam imihla yonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuAgishe, Ewe, uya kuyazi into eya kwenziwa ngumkhonzi wakho. Wathi uAgise kuDavide, Ngenxa yoko ndikwenza ube ngumveleli wentloko yam ngamaxesha onke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uphendule wathi uDavide: “Uza kuzibonela ngokwakho, mhlekazi, oko angákwenzayo umkhonzi wakho.” Uphendule wathi ukumkani uAkishe: “Yiyo ke loo nto ndifuna ukuba ube ngumlindi wam osisigxina wena.”