1 Samuel 28:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wawa ngobunxamo u‐Saule ubude bake bonke ngasemhlabeni, woyika kakulu ngenxa yamazwi ka‐Samyali: kwaye kungeko amandla kuye; ngokuba engadlanga isonka yonke imini nabo bonke ubusuku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawa kwaoko uSawule emhlabeni, waqungquluza, woyika kunene ngamazwi kaSamuweli; akwabakho namandla kuye; ngokuba ubengadlanga kudla imini yonke nobusuku bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawa emhlabeni kwaoko uSawule, woyika kunene ngamazwi kaSamuweli, akwabakho mandla kuye; ngokuba ubengadlanga sonka imini yonke, nobusuku bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko nangoko wawa bhaxa emhlabeni uSawule, egubha ngenxa yamazwi kaSamweli. Wayeselephelelwe nangamandla, kuba wayengazange wasa nto emlonyeni imini nobusuku.