1 Samuel 28:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko walayo, wati: Andiyi kudla. Kodwa zamqu̔ba izicaka zake, kwa nomfazi lowo kanjalo; wada wapulapula ilizwi labo. Waza wesuka emhlabeni, wahlala emandlalweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akavuma ke; wathi, Andiyi kudla. Bamzama abakhonzi bakhe kwanenkazana leyo. Waliphulaphula izwi labo, wavuka ke emhlabeni, wahlala elukhukweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akavuma ke esithi, Andiyi kudla. Bamnyanzela abakhonzi bakhe kwanenkazana leyo; waliphulaphula ilizwi labo. Uphakame phantsi wahlala ebhedini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wala uSawule, esithi: “Andiyi kusa nto emlonyeni!” Kambe ke amcenga amaphakathi kunye naloo mfazi. Ngenene woyisakala, wavuka, wahlala ebhedini.