1 Samuel 28:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye umfazi ebenetole elityetyisiweyo endlwini; wanxama ke walixe̔la; watabata nomgubo, wawubuca, woja izonka ezingenagwele ngawo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku inkazana leyo yayinethole elityetyisiweyo endlwini; yangxama, yalixhela; yathabatha umgubo ocoliweyo, yawuxovula, yosa izonka ezingenagwele ngawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku inkazana leyo yayinethole elityetyisiweyo endlwini; waxovula kamsinya, wathabatha umgubo, wawosa ngawo, wosa izonka ezingenagwele ngawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo mfazi wakhawuleza waxhela ithole elondlekileyo awayenalo emzini wakhe; wathatha umgubo, waxova, wenza isonka esinganyuswanga.