1 Samuel 28:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza ama‐Filistiya ahlanganiswa, eza ati waca e‐Shuneme: kanjako u‐Saule wahlanganisa onke ama‐Sirayeli, aya ati waca e‐Giliboha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ahlanganisana ke amaFilisti, aya amisa eShunem.Wawahlanganisa uSawule amaSirayeli onke, amisa eGilibhowa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ahlanganisana ke amaFilisti, eza amisa iintente eShunem; uSawule wawahlanganisa onke amaSirayeli, wamisa eGilibhowa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amabutho amaFilistiya aqokelelana, aya kumisa eShunem. Ke yena uSawule wawaqokelela amaSirayeli, umkhosi wawumisa entabeni iGilibhowa.