1 Samuel 28:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Saule wazenza ngakumbi, wambata ingubo zimbi, wahamba yena, namadoda mabini kunye naye, beza kumfazi lowo ebusuku; wayesiti: Zundilaulele ngomshologu, undinyusele lowo endiya kumxela kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USawule wazenza mntu wumbi, wambatha ngubo zimbi, waya enamadoda amabini. Baya bafika kwinkazana leyo ebusuku. Wathi, Khawundivumisele ngeshologu lakho, undinyusele lowo ndiya kuthetha yena kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSawule wazenza mntu wumbi, wambatha ngubo zimbi, wahamba enamadoda amabini, baya kufika kuloo ntokazi ebusuku; nyuka, ndikubize.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USawule wazenza mntu wumbi, wanxiba zambatho zimbi. Uthe ngorhatya wakhatshwa ngamaphakathi amabini, baya kuloo mfazi uvumisayo. Uthe akuba efikile kuloo mfazi uSawule, wabhekisa kuye wenjenje: “Khawubhekise kwabangasekhoyo, undibizele lo mntu ndiza kukuxelela igama lakhe.”