1 Samuel 28:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti umfazi kuye: Bona ke, uyakwazi oko akwenzileyo u‐Saule, okokuba unqamlile abenzelana nemishologu, namatola, elizweni; yinina ngoko ukuba uyatiyela umpefumlo wam ukundifisa?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi inkazana leyo kuye, Yabona uyakwazi nawe akwenzileyo uSawule, ukuba ubanqamle ezweni abaneshologu noosiyazi; yini na ukuba uwuthiyele umphefumlo wam, ukuze ndibulawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi inkazana leyo kuye, Yabona, uyayazi nawe into ayenzileyo uSawule, ukuba ebebatshabalalisa oomoya abangasekhoyo namagqwirha ehlabathini; Yiyo le nto uwuthiyele umphefumlo wam, ukuze ndife?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Suke loo mfazi wathi kuSawule: “Ngathi uyayazi nje into eyenziwe ngukumkani uSawule! Andithi nguye owaphelisa abavumisa ngoonomathotholo kwakunye noosiyazi kwaSirayeli? Kutheni ufuna ukundibambisa nje, ndibulawe?”