1 Samuel 29:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, vuka kusasa ngomso, nezicaka zenkosi yako ezibe zisiza nawe; niti nakuba nivukile kusasa ngomso, nxa kunikanyeleyo, nandule nimke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko vuka kusasa ngomso, nabakhonzi benkosi yakho abaze nawe; nivuke kusasa ke ngomso, kwakusathi nwe, nihambe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke, vuka kusasa, nabakhonzi benkosi yakho abaze nawe; kwaye ngokukhawuleza uvuka ekuseni kwaye ukhanyise, hamba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kufuneka ke ngomso oku, wena namadoda akho, enamshiyayo uSawule neza kum, nivuke ekuseni, ninduluke kusathi qhekre ukusa.”