1 Samuel 29:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaza inkosi zama‐Filistiya zadlula ngamakulu nangamawaka; kodwa u‐Davide namadoda ake badlula ngasemva kunye no‐Akishe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Izikhulu zamaFilisti zadlula zinamakhulu, zinamawaka;uDavide namadoda akhe bedlula ngasemva noAkishe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iinkosana zamaFilisti zatyhoboza zingamakhulu namawaka, kodwa uDavide namadoda akhe bahamba noAkishe ukuze bafumane umvuzo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zaphuma iikumkani zamaFilisitiya, zihamba namabutho azo angamakhulu-khulu namawaka-waka. Yena uDavide namadoda akhe babelandela ngasemva, behamba kunye nokumkani uAkishe.