1 Samuel 29:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zandula inkosi zama‐Filistiya zati: Afuna nto nina ama‐Hebere la? Wayesiti u‐Akishe kuzo inkosi zama‐Filistiya: Lo asi nguye na u‐Davide, isicaka sika‐Saule ukumkani wo‐Sirayeli, obeko nam ngalemihla, umhlaumbi ngaleminyaka? ndandingafumananga nto kuye, kwa semhleni wokupongoma kwake kwada kwanamhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi abathetheli bamaFilisti, Ayini na la maHebhere apha?Wathi uAkishe kubathetheli bamaFilisti, Lo asinguyena uDavide umkhonzi kaSawule, ukumkani wamaSirayeli, oseleneemini neminyaka enam? Andifumananga mposiso kuye, kuthabathela kumhla awaphamba ngawo, kwezisa kule mini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zathi iinkosana zamaFilisti, Enza ntoni na la maHebhere? Wathi uAkishe kwiinkosana zamaFilisti, Lo asinguye na uDavide, umkhonzi kaSawule, ukumkani wakwaSirayeli, obenam ngale mihla nakule minyaka, ndaza andafumana tyala kuye ukususela ngoko? wandibetha? olusuku?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zidumzele iinkokheli zamaFilistiya zakubabona, zathi: “La maHebhere afuna ntoni apha?” Kuphendule ukumkani uAkishe kweso sithuba, wathi: “Ngumphakathi kakumkani uSawule lo, uDavide. Selenethuba elide elapha kum, yaye andifumananga sikhwasilima kuye okoko wafikayo apha kum.”