1 Samuel 29:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko inkosi zama‐Filistiya zaqumba ngakuye; zaza inkosi zama‐Filistiya zati kuye: Buyisa londoda, iye ibuyele endaweni yayo, apo uyimisele kona, ukuba ingehli nati ukuya ekulweni, ize ingabi ngumalane kuti ekulweni; ngokuba kunganto nina aya kuzikolekisa lo enkosini yake? akungazo intloko zalamadoda na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abathetheli bamaFilisti baba noburhalarhume ngakuye, bathi kuye abathetheli bamaFilisti, Yibuyise loo ndoda, ibuyele endaweni yayo, apho wayiyalela khona, ingehli nathi iye ekulweni, hleze isichase ekulweni. Angazikholisisa ngantoni na lo enkosini yakhe? Akungeentloko zala madoda yini na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abathetheli bamaFilisti baba nomsindo ngakuye; zathi kuye iinkosana zamaFilisti, Indoda leyo mayibuyele kuloo ndawo ubuyiwisele umthetho ngayo, ingehli nathi iye kulwa, hleze ilwe nathi edabini hayi ngokuba ebeya kuxolelana ngantoni nenkosi yakhe? Akufanelanga ukuba ibe malunga neentloko zala madoda?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Azimhoyanga iinkokheli zamaFilistiya, zaba nomsindo, zathi: “Makahambe lo mfo apha, aye kulaa dolophu wamnika yona. Makangayi kunye nathi emfazweni, hleze asijikele xa lishushu idabi. Leyo ingaba yindlela elula angaxolisa ngayo inkosi yakhe ngokubulala amadoda omkhosi wethu.