1 Samuel 29:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Akishe wambiza u‐Davide, wati kuye: Ehleli nje uyehova, ulungelelene wena; kanjalo ukupuma kwako nokungena kwako kunye nam emkosini kulungile emehlweni am; ngokuba ndingafumananga inkohlakalo kuwe, kwa semhleni wokuza kwako kum kude kwanamhla nje: noko emehlweni azo inkosi akulungile wena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAkishe wambiza uDavide, wathi kuye, Ehleli nje uYehova, uthe tye wena; kuhle emehlweni am ukuphuma kwakho nokungena kwakho nam emkhosini; ngokuba andifumananga bubi kuwe, kuthabathela kumhla wokuza kwakho kum, kuzise kule mini; ke emehlweni ezikhulu akumhle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAkishe wambiza uDavide, wathi kuye, Ehleli nje uYehova, ube ulilungisa wena; ngokuba andifumananga bubi kuwe, kususela koko weza kum, unanamhla;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAkishe ke wabiza uDavide, waza wathi kuye: “Davide, ndiyafunga, ekho nje uNdikhoyo, wena unyanisekile, ndaye bendingathandayo ukuba siye kunye kule mfazwe, kuba andifumananga sikhwasilima kuwe konke okoko wafikayo apha kum. Kambe ke abanye abaphathi àbakholwa bubukho bakho.