1 Samuel 29:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wati ku‐Akishe: Yinto nina pofu endiyenzileyo? yinto nina kanjalo uyifumeneyo kwisicaka sako, kwa semhleni bendisebusweni bako ngawo kude kwanamhla nje, ukuba ndingayi ndilwe ngakuzo intshaba zenkosi yam ukumkani?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuAkishe, Ndenze ntoni na? Ufumene ntoni na kumkhonzi wakho, kuthabathela kumhla wokubakho kwam phambi kwakho, kuzise kule mini, ukuba ndingayi nje, ndilwe neentshaba zenkosi yam ukumkani?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuAkishe, Ndenze ntoni na? yaye ufumene ntoni na kumkhonzi wakho ukususela ekubeni bendikunye nawe kwada kwayile mini yokuba ndingakwazi ukuya kulwa neentshaba zenkosi yam ukumkani?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabuza wathi uDavide: “Ndenzeni, mhlekazi? Wena ubone sikhwasilima sini na kum oko ndafikayo apha? Ngani ndingavunyelwa nje ndihambe nawe, mhlekazi, ndiye kulwa neentshaba zenkosi yam?”