1 Samuel 29:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapendula u‐Akishe wati ku‐Davide: Ndiyazi ukuba ulungile wena emehlweni am, njengengelosi katixo: kodwa inkosi zama‐Filistiya zite: Akayi kunyuka nati ukuya ekulweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula uAkishe wathi kuDavide, Ndiyazi ukuba ulungile emehlweni am njengesithunywa sikaThixo; kodwa abathetheli bamaFilisti bathe, Makangenyuki nathi, aye ekulweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uAkishe, wathi kuDavide, Ndiyazi ukuba ulungile emehlweni am njengesithunywa sikaThixo; nokuba bathe abathetheli bamaFilisti, Makangenyuki nathi, aye ekulweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngeba nditsho nam, Davide.” NguAkishe ke lowo. “Mna ndikubona unyaniseke ngokungathi usisithunywa sikaThixo. Kodwa ke ezinye iinkokheli zithi asinako ukuya nawe emfazweni.