1 Samuel 3:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula weza uyehova, wema, wabiza njengakuwo amanye amaxesha, esiti: Samyali, Samyali! Waza wati u‐Samyali: Teta; ngokuba isicaka sako sisiva.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weza uYehova, wema, wabiza njengezinye izihlandlo, wathi, Samuweli, Samuweli. Wathi uSamuweli, Thetha, ngokuba esiva umkhonzi wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weza uYehova, wema, wabiza njengangaphambili, wathi, Samuweli, Samuweli! Waphendula uSamuweli, wathi, Thetha; ngokuba uyeva umkhonzi wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza uNdikhoyo weza wema apho, wabiza kwakhona esithi: “Samweli! Samweli!” Wasabela uSamweli wathi: “Thetha; siphulaphule isicaka sakho.”