1 Samuel 3:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova ku‐Samyali: Bona ke, ndiya kuyenza into kwa‐Sirayeli, abaya kuti bonke abayivayo, indlebe zabo zombini ziya kukenceza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuSamuweli, Uyabona, ndenza into kwaSirayeli eya kubetha zithi nzwi iindlebe zombini zabantu bonke abaya kuyiva.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuSamuweli, Uyabona, ndiya kwenza into kwaSirayeli, eya kuviwa ngabo bonke abayivayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ke uNdikhoyo kuSamweli: “Uyabona, ndiza kwenza into kwaSirayeli eya kutsho zithi nzwii iindlebe zabantu bonke abaya kuyiva.