1 Samuel 3:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sendixele kuye, ukuba ndiya kugweba indlu yake kude kube ngunapakade, ngenxa yenkohlakalo abeyazi; ngokuba onyana bake bazenza abaqalekisiweyo, kanti ebengabandwebisi noko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndimxelele ukuba ndiyayigweba indlu yakhe kudekuse ephakadeni, ngenxa yobugwenxa abaziyo; ngokuba baziqalekisa oonyana bakhe, akabangxolisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi kuye, Ndiya kuyigweba indlu yakhe kude kuse ephakadeni, ngenxa yobubi ababaziyo; ngokuba babedlala oonyana bakhe, akabanqanda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phofu ke sendimxelele ukuba umzi wakowabo ndiza kuwohlwaya ngokupheleleyo ngenxa yesono asaziyo soonyana bakhe. Kaloku oonyana bakhe balinyelisa igama lam, waza yena akabakhalimela.