1 Samuel 3:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko ke ndifungile ngayo indlu ka‐Heli, ukuba inkohlakalo yendlu ka‐Heli ayisayi kuxoliselwa ngombingo nangomnikelo wokudla kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ndiyifungele indlu kaEli, ndathi, Inene ubugwenxa bendlu kaEli abuyi kucanyagushelwa ngambingelelo, nangamnikelo wakudla, naphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ndabafungela abantu bendlu kaEli, ndathi, Abuyi kuhlanjululwa ububi bendlu kaEli, ngamadini, nangedini elinyukayo, kuphele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko ndifunge ndathi kumzi kaEli: ‘Akukho dini namnikelo uya kuze ube nako ukulicamagushela ityala lakho.’ ”