1 Samuel 3:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Samyali walala kwada kwasa, waza wavula ingcango zendlu kayehova. Kodwa u‐Samyali ebesoyika ukuxela umboniso ku‐Heli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Walala uSamuweli kwada kwasa, wazivula ke iingcango zendlu kaYehova. USamuweli woyika ukumxelela uEli umbono lowo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Walala uSamuweli kwada kwasa, wazivula ke iingcango zendlu kaYehova. uSamuweli woyika ukubonisa ubuso bakhe kuEli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USamweli wangqengqa kwada kwasa. Uthe akuvuka, wavula iingcango zendlu yakwaNdikhoyo. Woyika ukubalisela uEli ngombono wakhe.