1 Samuel 3:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Lilizwi linina, alitetileyo kuwe? zungandifihleli ke; utixo makenje njalo kuwe, alekele ukwenje njalo, ukuba uyandifihlela ilizwi kuwo onke amazwi abewateta kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi yena, Ndilapha. Wathi, Liyintoni na ilizwi elo alithethileyo kuwe? Musa ukukha undifihlele. Makenjenje uThixo kuwe, aqokele ukwenjenje, ukuba uthe wandifihlela lizwi, emazwini onke awathethileyo kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Utheni na kuwe uYehova? Ndiyakubongoza, sukundifihlela; uThixo uya kwenza oku kuwe, aqokele ukwenjenje, ukuba uthe wandifihlela nto kuyo yonke into ondixelele yona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wambuza esithi: “Lizwi lini na eli uNdikhoyo alithethe kuwe? Musa ukundifihlela; ndixelele. UThixo uya kuba nento yokwenza nawe ukuba akundixeleli into yonke ayithethileyo.”