1 Samuel 3:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wagidimela ku‐Heli, wati: Nanku ndi lapa: ngokuba undibizile. Kodwa wati: Andibizanga; buya ulale pantsi. Waya walala pantsi ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabalekela kuEli, wathi, Ndilapha; ngokuba undibizile. Wathi yena, Andikubizanga; buya uye kulala. Waya walala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabalekela kuEli, wathi, Ndikho; ngokuba endibizile. Waphendula ke yena wathi, Andikubizanga; lala kwakhona. Wahamba wayolala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wakhawuleza waya kuEli, wafika wathi: “Ndim lo; ubundibiza.” Wathi yena uEli: “Hayi, yiya kulala, mfo wam; andikhange ndikubize.” Waya kulala ke.