1 Samuel 3:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walekela uyehova wabiza u‐Samyali kanjako. Wesuka u‐Samyali waya ku‐Heli, wati: Nanku ndi lapa; ngokuba undibizile. Waza wati: Andibizanga, nyana wam! buya ulale pantsi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waqokela uYehova wambiza uSamuweli. Wavuka uSamuweli, waya kuEli, wathi, Ndilapha; ngokuba undibizile. Wathi yena, Andikubizanga, nyana wam; buya uye kulala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova waphinda wambiza uSamuweli. Wesuka ke uSamuweli, waya kuEli, wathi, Ndim lo! ngokuba endibizile. Waphendula wathi, Andikubizanga, nyana wam; lala kwakhona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wabuya wambiza uSamweli. Wavuka ke umfana, waya kwakuEli, wathi: “Mhlekazi, uyandibiza. Ndim lo!” Kambe yena uEli wathi: “Hayi, andikubizanga; yiya kulala, mfo wam.”