1 Samuel 3:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabuya uyehova wabiza u‐Samyali ngokwesitatu. Wesuka waya ku‐Heli, wati: Nanku ndi lapa; ngokuba undibizile. Waza u‐Heli waqonda ukuba uyehova umbizile umfana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waqokela uYehova wambiza uSamuweli okwesithathu. Wavuka weza kuEli, wathi kuye, Ndilapha; ngokuba undibizile. Waqonda uEli ukuba uYehova umbizile umntwana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wambiza uSamuweli okwesithathu. Waphakama waya kuEli, wathi: “Ndim lo! ngokuba endibizile. Wabona uEli ukuba uYehova umbizile umntwana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wabuya wambiza uSamweli isihlandlo sesithathu. Wavuka uSamweli, waya kwakuEli, wafika wathi: “Ndim lo, mhlekazi; ubundibiza.” Waqonda ngoku uEli ukuba nguNdikhoyo lo umana ebiza lo mfana.