1 Samuel 3:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako u‐Heli wati ku‐Samyali: Yiya ulale pantsi; kwakuya kuti, nxa akubizayo, uya kwandul’ ukuti: Teta, Yehova! ngokuba isicaka sako sisiva. Waya u‐Samyali walala pantsi endaweni yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uEli kuSamuweli, Hamba uye kulala; kothi, ukuba uthe wakubiza, uthi, Thetha, Yehova, ngokuba esiva umkhonzi wakho.Waya uSamuweli, walala endaweni yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uEli kuSamuweli, Lala, uthi, wakubiza, uthi, Thetha, Yehova; ngokuba uyeva umkhonzi wakho. uSamuweli waya kulala endaweni yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uEli kuye: “Hamba wena, yiya kulala. Xa ubuye weva ubizwa, uze uthi: ‘Thetha, Ndikhoyo; isicaka sakho siphulapule.’ ” Waya kulala ke uSamweli emandlalweni wakhe.