1 Samuel 30:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Davide waputuma, yena namadoda angamakulu mane: ngokuba bekuhlala amadoda angamakulu mabini, abecubukile kangaka, ukuba ebengenako ukuwela umlanjana we‐Besore.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wasukela uDavide, yena namakhulu amane amadoda; asala ke amakhulu amabini amadoda aphelelweyo, angenakuwela emlanjaneni oyiBhesore.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Walandela uDavide, yena namadoda angamakhulu amane; ngokuba kwakusele amakhulu amabini amadoda ediniwe, ukuba abe nako ukuwela umlambo iBhesore.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
angamakhulu amabini awayedinwe kangangokuba angabi nako ukuyiwela loo ntlambo. Wabheka phambili yena uDavide kunye namakhulu amane amadoda,