1 Samuel 30:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bayinika kanjalo iqezu lesimba lamakiwane, nezipa zibini zedreyive ezishwenyileyo: yati yakuba idlile, umoya wayo wabuya weza kuyo; ngokuba isonka ibingasityanga, namanzi ibingawaselanga, imini zantatu nobusuku butatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bayinika ke icandelo lesicumba samakhiwane namacandelo amabini esicumba seerasintyisi, yadla. Wabuyela kuyo umoya wayo; kuba ibingadlanga kudla, ingaselanga manzi, iimini ezintathu nobusuku obuthathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamnika ke icandelo lesicumba somkhiwane, nezicumba ezimbini zeerasintyisi; Ekudleni kwakhe wabuyela kuye umoya wakhe; ngokuba ebengadlanga sonka, engaselanga manzi iimini ezintathu nobusuku obuthathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ampha nomqwayito wamafiya kunye nezikhinkci zeerasentyisi zazibini. Uthe akugqiba ukutya, waziva edlamkile. Kaloku kwakusekuziintsuku ezintathu engafumani nto ityiwayo, nditsho neyokuthoba unxano.