1 Samuel 30:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wati kuyo: Ungokabanina? uvela pina? Yayisiti: Ndiyindodana yase‐Jipete, isicaka som‐Amaleki; yandishiya inkosi yam, ngokuba bendihliwa sisifo kuse kuntsuku ntatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuyo, Ungumni na? Uvela phi na? Yathi, Ndingumfana ongumYiputa, isicaka sendoda engumAmaleki;indishiyile inkosi yam; kuba ndintsuku ntathu namhla ndisifa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuyo, Yekabani na? ungowaphi? Wathi, NdingumYiputa, umkhonzi wendoda engumAmaleki; Indishiyile inkosi yam, ngokuba bendisifa iintsuku ezintathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko ke uDavide wambuza wathi: “Khawutsho ke, ungokabani, uphuma phi?” “Mna ndingumJiputa, ikhoboka lomAmaleki,” kuphendula umfo lowo. “Ndishiywe yinkosi yam, kuba ndisuke andaphila. Sekuziintsuku ezintathu ngoku.