1 Samuel 30:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wati kuyo: Ungaka undihlisele kwelibandla na? Yayisiti: Ndifungele utixo, ukuba akuyi kundibulala, nokuba akuyi kundinikela esandleni senkosi yam, ndandiya kukuhlisela kwelibandla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuyo, Ungandisa na kuloo matutu? Yathi, Ndifungele uThixo, ukuba akuyi kundibulala, akuyi kundinikela esandleni senkosi yam; ndokusa kuloo matutu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuyo, Ungandihlisela na kulaa sihlwele? Wathi, Musani ukundilahla phambi koThixo, ukuba ningandibulali, ningandinikele esandleni senkosi yam, ndinihlisele kule ngxokolo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ungasisa apho bakhoyo abo banqolobi?” kubuza uDavide. Wenjenje ukuphendula: “Ewe, ndinganisa ukuba ungafunga uThixo ukuba anizi kundibulala okanye nindinikele kwinkosi yam.”