1 Samuel 30:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Davide wahlangula konke ama‐Amaleki abekususile; nabafazi bake bobabini u‐Davide wabahlangula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayihlangula uDavide yonke into abeyithimbile ama-Amaleki.Nabafazi bakhe bobabini wabahlangula uDavide;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wazihlangula zonke izinto ezazithinjwe ngama-Amaleki, waza uDavide wabasindisa nabafazi bakhe bobabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wabahlangula bonke abathinjwa bama-Amaleki, wabuya nawo onke loo maxhoba babewathimbile, kunye nabafazi bakhe bobabini, akwabikho nto ingafunyanwanga.