1 Samuel 30:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kungasweleki kubo, kwa nomncinane nomkulu, kwa nonyana nentombi, kwa nexoba nako konke ababekutabatele kubo; konke u‐Davide wakubuyisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
akwasala nanye into kuzo, kuthabathela kwencinane kwesa kwenkulu, kwesa koonyana neentombi; kwathabathela kwixhoba kwesa kwinto yonke abeyithimbile kubo. Yonke into wayibuyisa uDavide.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abazange baswele nto, enoba yencinane okanye enkulu, okanye oonyana okanye iintombi, okanye into ephangiweyo okanye nantoni na ababeyithabathele kubo. uDavide wayibuyisela yonke loo nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oonyana neentombi zamadoda akhe kunye nawo onke loo maxhoba ama-Amaleki wabuya nawo uDavide.