1 Samuel 30:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku akuza u‐Davide kulawomadoda angamakulu mabini abecubukile kangaka ukuba ebengenako ukumlandela u‐Davide, nababewahlalisile emlanjaneni we‐Besore, apuma wona ukuya kumkaulela u‐Davide, nokubakaulela abantu ababenaye; waza u‐Davide wasondela ebantwini, wababulisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafika ke uDavide kulaa madoda angamakhulu mabini abephelelwe, abengenakumlandela uDavide, awayewashiye emlanjaneni oyiBhesore. Aphuma aya kumkhawulela uDavide aya kubakhawulela abantu ababenaye. UDavide wafika ebantwini, wababuza ukuphila kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wafika kumakhulu amabini amadoda adiniweyo, engenako ukumlandela uDavide, awawabeka entilini yomlanjana oyiBhesore; yaye baphuma baya kuhlangabeza uDavide nokuhlangabeza amadoda awayekunye naye. Wafika uDavide ebantwini, wababulisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wesuka apho uDavide, wafika kulawa makhulu mabini amadoda awasala entlanjeni eBhesore ngenxa yokudinwa. Aphuthuma ukuhlangabeza uDavide namadoda akhe. Wawabulisa uDavide, wawabuza nempilo,