1 Samuel 30:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula apendula onke amadoda akohlakeleyo nawobunginingini, pakati kwamadoda abehamba no‐Davide, ati: Ngenxa yokuba ebengahambanga nati, asiyi kuwanika nto kwixoba esilihlanguleyo, kupela kwindoda ngendoda umfazi wayo nabantwana bayo; makakape bona, emke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aphendula onke amadoda obubi namatshijolo akumadoda abehambe noDavide, athi, Ngenxa enokuba bengahambanga nathi, asiyi kubanika nto emaxhobeni esiwahlanguleyo; elowo makaqhube umkakhe, nabantwana bakhe, ahambe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aphendula ke onke amadoda amatshijolo namadoda angamatshijolo, abehambe noDavide, athi, Ekubeni bengahambanga nathi, asiyi kubanika amaxhoba esiwakhululeyo; umfazi wakhe abantwana, ukuze babakhaphele, bahambe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kodwa kwabakho amatshijolo nabaphembi-qhushululu kubalandeli bakaDavide, abathi: “Aba bebengahambanga nathi. Ngoko abazi kuba nanxaxheba kula maxhoba size nawo. Indoda nganye ingasuka ithathe umfazi wayo nabantwana bayo, ihambe.”