1 Samuel 30:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina ke oya kunipulapula ngalento? ngokuba njengesabelwa sabo bahlela ekulweni, siya kuba njalo isabelwa sabo bahlala ngasempahleni; kwolingana ukwabelwa kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngubani na oya kuniva kweli lizwi? Njengoko sinjalo isabelo sohla aye ekulweni, sinjalo isabelo sosele nempahla;baya kwabelana ngakunye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na oya kuniva kweli lizwi? Ke njengoko sinjalo isabelo sohlayo ukuya emfazweni, siya kuba njalo isabelo soseleyo emaxhobeni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ayamkeleki le nto niyithethayo. Kaloku umntu osala nemithwalo ufumana isabelo esinye nalo uya edabini. Makunikwe inxaxheba kumntu wonke ngokulinganayo.”