1 Samuel 30:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati akufika u‐Davide e‐Tsikilage, watuma inxenye yexoba kubo abadala bo‐Juda, kubo abahlobo bake, esiti: Nali itamsanqa kuni, kwixoba lentshaba zikayehova;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weza uDavide eTsikelage, wathumela inxenye yamaxhoba kumadoda amakhulu akwaYuda, kumakowabo, esithi, Nantso intsikelelo yenu emaxhobeni eentshaba zikaYehova;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafika uDavide eTsikelage, wathumela inxenye yexhoba kumadoda amakhulu akwaYuda kubahlobo bakhe, esithi, Yabonani, kukho isipho senu ekuthinjweni kweentshaba zikaYehova;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi akufika eZikelage uDavide, wathatha isabelo kuloo maxhoba, wasithumela kumadoda amakhulu angoogxa bakhe kwaJuda, esithi: “Nantso inxaxheba esinabela yona kumaxhoba esiwathimbe kubachasi bakaNdikhoyo.”