1 Samuel 30:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo akufika u‐Davide namadoda ake esixekweni, nasi sitshisiwe ngomlilo; nabafazi babo, nonyana babo, nentombi zabo, bona bebetinjiwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akufika ke uDavide namadoda akhe ekhaya, nalo litshisiwe ngomlilo, bethinjiwe abafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wangena ke uDavide namadoda akhe phakathi komzi, bawufumana utshisiwe ngomlilo; abafazi babo noonyana babo neentombi zabo bathinjwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukufika kwabo ooDavide bafika loo dolophu iluthuthu, abafazi noonyana kunye neentombi zabo kumkiwe nazo.