1 Samuel 30:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Davide waxinezeka kakulu; ngokuba abantu bebeteta ngokumgibisela ngamatye, ngokuba umpefumlo wabantu bonke ubunobuṙaṙa, abanye ngabanye pezu kwonyana babo, napezu kwentombi zabo; kodwa u‐Davide wazomeleza kuye uyehova, utixo wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabandezeleka kunene uDavide; ngokuba abantu babethetha ngokumxuluba ngamatye; kuba umphefumlo wabantu bonke ubukrakra, elowo ngenxa yoonyana bakhe nangenxa yeentombi zakhe. Ke uDavide wazomelezela kuYehova uThixo wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabandezeleka kunene uDavide; kuba abantu babesithi bamgibisele ngamatye; ngokuba umoya wesizwe siphela ubebandezelekile, elowo ngenxa yoonyana bakhe nangenxa yeentombi zakhe; ke uDavide wazomeleza ngoYehova uThixo wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wazibona selesengxakini embi uDavide, kuba amadoda akhe ayefuna ukumxuluba ngamatye, kuba ayekhathazekile ngenxa yokuduka kweentsapho zawo. Kodwa uDavide wazomeleza ngokuthembela *kuNdikhoyo uThixo wakhe kuyo yonke loo nto.