1 Samuel 31:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekunzima ke ukulwa ngakuye u‐Saule, ati amadoda abetola ngesipeta amcana; waza watutumela kakulu ngenxa yabatoli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaba nzima ukulwa kuSawule; bamfumana abatoli, amadoda anesaphetha, wathuthumela kakhulu ngenxa yabatoli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaba nzima ukulwa kuSawule; bambetha abatoli yaye wenzakala kakhulu ngenxa yabantu abantsundu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Laba shushu idabi kufuphi noSawule, abatoli bamngxwelerha.