1 Samuel 31:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Saule wati kumtwali wezixo̔bo zake: Ṙola iṙele lako, undihlabe ngalo; hleze aba bangalukileyo beze, bandihlabe, badlale ngam. Kodwa umtwali wezixo̔bo zake ebengavumi; ngokuba ebesoyika kakulu. Waza u‐Saule watabata iṙele, wawa pezu kwalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSawule kumphathi weentonga zakhe, Rhola ikrele lakho, undihlabe ngalo, hleze aba bangalukileyo beze bandihlabe amahlanza, bafekethe ngam. Ke umphathi weentonga zakhe akavumanga; ngokuba ebesoyika kunene. Walithabatha ke uSawule ikrele, wawa phezu kwalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSawule kumfana lowo, Rhola ikrele lakho, undibulale ngalo; masithi mhlawumbi bazakufika aba bantu, bandihlabe bandiqalekise. Akavuma umphathi weentonga zakhe; ngokuba ebesoyika kunene. Walithabatha ke uSawule ikrele, waziwisa phezu kwalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kweso sithuba uSawule ubhekise kumfana owayephatha izikhali zakhe, wathi: “Rhola ikrele, undigwaze. Andifuni kuvuyelelwa zeziya ntlanga zingalukanga, xa ziza kundibulala.” Loo mfana kambe akazange avume kuyenza loo nto, kuba wayesoyika. USawule ke urhole ikrele lakhe, waza waziphosa kulo.